Iduteronomi 19:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;

9. xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; ùsaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;

10. ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.

11. Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela, wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;

12. amadoda amakhulu omzi wakhe othumela, amthabathe khona, amnikele esandleni somphindezeli wegazi, ambulale, afe.

13. Ze lingabi nanceba iliso lakho kuye; wòlitshayela ke igazi elingenatyala, lingabikho kwaSirayeli, kulúnge kuwe.

14. Uze ungawushenxisi umlimandlela wommelwane wakho, abawumisáyo abamandulo elifeni lakho, oya kulidla ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulimé.

Iduteronomi 19