Iduteronomi 19:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wòzahlulela imizi emithathu.

8. Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;

9. xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; ùsaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;

10. ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.

Iduteronomi 19