Iduteronomi 14:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;

2. ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.

3. Uze ungadli nanye into elisikizi.

4. Zizo ezi izinto ezizitho ziné enozidla:

5. inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.

6. Yonke into ezitho ziné ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho ziné, noyidla yona.

Iduteronomi 14