23. wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.
24. Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.
25. Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wòkubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.
26. Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso: