Iduteronomi 11:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.

24. Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.

25. Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wòkubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.

26. Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:

Iduteronomi 11