7. Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.
8. Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.
9. Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe;
10. osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca.
11. Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; síya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
12. Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.
13. Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.
14. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.