Abagwebi 9:39-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Waphuma uGahali phambi kwabemi bakwaShekem, walwa noAbhimeleki.

40. UAbhimeleki wamsukela; wasaba yena phambi kwakhe. Kwawa ababuleweyo baba baninzi, kwada kwesa ekungeneni kwesango.

41. UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.

42. Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.

Abagwebi 9