6. Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati.Ngemihla kaYaheli, bezingàhanjwa iindlela,Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
7. Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa,Ndada ndesuka, mna Debhora,Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.
8. Kwakunyulwe oothixo abatsha,Kwaza kwayimfazwe emasangweni;Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na,Phakathi kwamawaka amashumi mané akwaSirayeli?
9. Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli,Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu;Bongani uYehova.
10. Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile,Nina bahlala ezinkukweni,Nani bahamba ngendlela, camngcani.