Abagwebi 3:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali* nooAshera.*

8. Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushanrishatayim, ukumkani wakwa-Aram* phakathi kweMilambo;* bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.

9. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi.

10. Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushanrishatayim.

11. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.

12. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enzé ububi emehlweni kaYehova.

13. Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.

14. Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.

Abagwebi 3