Abagwebi 21:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Babàlwa abantu, nanko kungabangakho nanye indoda yabemi beYabheshe yaseGiliyadi khona.

10. Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda kubafo abanobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi ngohlangothi lwekrele, abafazi nabantwana.

11. Nantsi into enoyenza: yonke into eyindoda, nento yonke eyinkazana eyazene nendoda ngokulalwa yiyo, noyisingela phantsi.

12. Afumana kubemi baseYabheshe yaseGiliyadi amankazana angamakhulu amané aziintombi, angazani nandoda ngokulala nayo, awazisa eminqubeni eShilo, eselizweni lamaKanan.

13. Lathumela lonke ibandla, lathetha noonyana bakaBhenjamin ababesengxondorheni yeRimon, lamemeza kubo lathi lixolile.

Abagwebi 21