3. Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa.Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi?
4. Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.
5. Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa.
6. Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benzé amanyala nobudenge kwaSirayeli.
7. Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.
8. Besuka bonke abantu njengandodanye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe;