Abagwebi 19:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yesuka indoda leyo ukuba ihambe; wayijoka uyise womkayo, yabuya yalala khona.

8. Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe. Wathi uyise wentombazana, Khawuxhase intliziyo yakho, nizilazile ide ijike imini; badla ke bobabini.

9. Yesuka indoda ukuba imke, yona neshweshwe layo nomfana wakuyo. Wathi kuyo uyise womkayo, uyise wentombazana, Khawukhangele, imini iyemka, kuyahlwa; khanilale; yabona, imini isangene; lala apha, ichwayithe intliziyo yakho, nivuke kusasa ngomso, nihambe ngendlela yenu, uye ententeni yakho.

10. Àyavuma ukulala indoda leyo, yesuka yemka; yafika malungana neYebhusi (yiYerusalem ke leyo), inamaesile amabini ebotshiwe, ineshweshwe layo.

11. Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.

Abagwebi 19