Abagwebi 16:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.

8. Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo.

9. Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi* yakuva umlilo; àkaziwa ke amandla akhe.

10. Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhónkxwa ngantoni na.

11. Wathi kuye, Ukuba bathe ukundikhonkxa bandikhonkxa ngeentsontelo ezintsha, ekungasetyenzwanga msebenzi ngazo, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.

Abagwebi 16