7. Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.
8. Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo.
9. Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi* yakuva umlilo; àkaziwa ke amandla akhe.
10. Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhónkxwa ngantoni na.
11. Wathi kuye, Ukuba bathe ukundikhonkxa bandikhonkxa ngeentsontelo ezintsha, ekungasetyenzwanga msebenzi ngazo, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.