Abagwebi 13:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova. UYehova wabanikela esandleni samaFilisti iminyaka emashumi mané.

2. Ke kaloku kwabakho ndoda ithile yaseTsora, yomlibo wamaDan, egama linguManowa, umkayo eludlolo, engazali.

3. Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana.

Abagwebi 13