1. Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,
2. wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare,* ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga.
3. Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.
4. Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,
5. Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Útsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?
6. Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.
7. Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibalúse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?