2 Usamuweli 6:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.

8. UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza* unanamhla.

9. UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova?

10. Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.

11. Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.

12. Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Úyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom. nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya.

13. Kwathi, bakunyathela amabanga amathandathu abathwali betyeya kaYehova, wabingelela inkomo nethole elityetyisiweyo.

2 Usamuweli 6