1. Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.
2. Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:
3. abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.
4. Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.