2 Usamuweli 4:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Weva unyana kaSawule ukuba ufile uAbhinere eHebron, zawa izandla zakhe. Onke amaSirayeli akhwankqiswa yiloo nto.

2. Unyana kaSawule ubenamadoda amabini angabathetheli bemikhosi. Igama lenye lalinguBhahana, igama leyesibini lalinguRekabhi; bengoonyana bakaRimon waseBheroti, kubo oonyana bakaBhenjamin. Ngokuba neBheroti ibibalelwa kwaBhenjamin:

3. abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.

4. Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.

2 Usamuweli 4