37. Bazi ke abantu bonke namaSirayeli onke ngaloo mini, ukuba ukubulawa kuka-Abhinere, unyana kaNere, bekungaphume kukumkani.
38. Wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Anazi na, ukuba namhlanje kuwé umthetheli, umntu omkhulu kwaSirayeli?
39. Ke ndisebuthathaka, ndisathanjiswa namhla ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, alukhuni kum. Akwaba uYehova angambuyekeza umenzi wobubi kwangobubi bakhe.