2 Usamuweli 2:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyùke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyùke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.

2. Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.

3. Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.

2 Usamuweli 2