20. Wathi uYowabhi kuye, Àkunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
21. Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke.
22. Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
23. Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi.
24. Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.