3. Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani;
4. athi uAbhisalom, Andaba bendimisiwe ndaba ngumgwebi ezweni apha, beze kum bonke abantu abanendawo ekubanjwene ngayo; ngendibalungisa!
5. Ubesithi, akusondela umntu eza kuqubuda kuye, asuke amnike isandla sakhe, ambambe, amange.
6. Wenza ke uAbhisalom ngendawo enjalo kumaSirayeli onke, abesiza kukumkani ekugwebeni. Waziba uAbhisalom iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.
7. Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mané, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron;
8. ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.