2 Usamuweli 14:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Waphendula ke ukumkani, wathi kwinkazana, Musa ukukha uyikhanyele kum into endikubuzayo. Yathi inkazana, Mayikhe ithethe inkosi yam ukumkani.

19. Wathi ke ukumkani, Isandla sikaYowabhi àsinawe na kule nto yonke? Yaphendula inkazana, yathi, Uhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam kumkani, inene, akukho nto ingasekunene nengasekhohlo kuko konke ekuthethayo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYowabhi umkhonzi wakho, nguye lo undiwisele umthetho, nguye lo uwabekileyo emlonyeni womkhonzazana wakho onke la mazwi.

20. Wenzé le nto umkhonzi wakho uYowabhi, ukuze buguqulwe ubuso bale nto. Ke inkosi yam ilumké ngokulumka kwesithunywa sikaThixo, ukuba yazi konke okusemhlabeni.

21. Wathi ukumkani kuYowabhi, Uyabona, ndiyenzile ke loo nto; hamba uye, umbuyise umfana lowo uAbhisalom.

22. Wawa ke uYowabhi ngobuso emhlabeni, waqubuda, wabulela kukumkani, wathi, Namhla wázile umkhonzi wakho, ukuba úbabalwe nguwe, nkosi yam kumkani, esenzile nje ukumkani isicelo somkhonzi wakhe.

23. Wesuka ke uYowabhi, waya eGeshuri, wamzisa uAbhisalom eYerusalem.

24. Wathi ukumkani, Makajike aye endlwini yakhe, angabuboni ubuso bam. Wajika uAbhisalom, waya endlwini yakhe; akabubona ubuso bokumkani.

25. Ke kumaSirayeli onke bekungekho ndoda injengoAbhisalom ukuba yinzwana, ngokokuze adunyiswe kunene; kwathabathela entendeni yonyawo kwesa elukakayini phezulu, kungekho siphako kuye.

26. Ubesithi akuyicheba intloko yakhe (kuba bekusithi ekupheleni komnyaka iminyaka yonke ayichebe, ngokuba ibinzima phezu kwakhe, ayichebe ke), azilinganise iinwele zentloko yakhe, zisuke zibe ziishekele* ezimakhulu mabini, ngokwelitye lokumkani.

27. UAbhisalom wazalelwa oonyana abathathu, nentombi yanye; igama layo belinguTamare; ibiyinzwakazi ukubonakala kwayo.

2 Usamuweli 14