3. Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.
4. Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
5. UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wòthi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.