2 Usamuweli 13:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda.

2. Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into.

3. Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.

2 Usamuweli 13