2 Usamuweli 10:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.

15. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, ahlanganisana ndawonye.

16. Wathumela uHadadezere, wawarhola ama-Aram abephesheya koMlambo,* eza eHelam; uShobhaki, umthetheli womkhosi kaHadadezere, ephambi kwawo.

17. Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Ákha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.

18. Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amané amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.

2 Usamuweli 10