2 Ookumkani 8:19-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi wómnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

20. Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani.

21. Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.

22. Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.

2 Ookumkani 8