33. Ùya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova.
34. Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
35. Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke.
36. Wanduluka wahamba, wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve.
37. Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.