2 Ookumkani 16:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.

7. Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.

8. UAhazi wayithabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayithumela kukumkani waseAsiriya isisicengo.

9. Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabása eKiri, wambulala uRetsin.

10. Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli.

11. Wasakha ke isibingelelo u-Uriya umbingeleli, njengako konke abemthumele khona uAhazi ukumkani eDamasko. Wenjenjalo u-Uriya umbingeleli, wada wafika ukumkani uAhazi evela eDamasko.

12. Weza ukumkani evela eDamasko, wasibona ukumkani isibingelelo eso; wasondela ukumkani kuso isibingelelo, wenyuka waya kuso;

13. waqhumisela ngedini lakhe elinyukayo nangomnikelo wakhe wokudla, wathulula umnikelo wakhe othululwayo, watshiza ngegazi lemibingelelo yakhe yoxolo esibingelelweni.

2 Ookumkani 16