6. nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera* wayesemi kwaSamari.)
7. Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
8. Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?