25. Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele; zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi.
26. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali, zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa;
27. zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.
28. UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;
29. kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.
30. Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesiné baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.
31. Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.
32. Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,
33. wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.
34. Ezinye izinto zikaYehu, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe bonke, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?