1. Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
2. nokuba sihlangùlwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
3. Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
4. Sikholosé ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
5. Yanga ke iNkosi ingáthi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.