2 Kwabasekorinte 6:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu,

6. sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,

7. sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,

8. sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso;

9. ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singĂ bulawa noko;

10. ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

11. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.

12. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.

13. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.

14. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

2 Kwabasekorinte 6