2 Kwabasekorinte 2:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;

7. ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.

8. Kungoko ndiniyalayo, ndíthi, luzinziseni uthando kuye;

9. kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke.

10. Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenzé ngenxa yenu, phambi kukaKristu;

2 Kwabasekorinte 2