11. ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.
12. Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini,
13. andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndaya kwelaseMakedoni.