5. Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.
6. Kuba xa bendingáthi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.
7. Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.
8. Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.