2 Kwabasekorinte 10:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:

2. ndiyakhunga ke, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndibe ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.

3. Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;

4. kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;

2 Kwabasekorinte 10