3. Wabubona ukumkanikazi waseShebha ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile;
4. nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
5. Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho.
6. Àndikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ùlugqithile udaba endibe ndiluvile.