2 Izikronike 7:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. USolomon wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ebiphambi kwendlu kaYehova; ngokuba ebenzé khona amadini anyukayo, namanqatha emibingelelo yoxolo; ngokuba isibingelelo sobhedu, awasenzayo uSolomon, besingenako ukulilingana lonke idini elinyukayo, nominikelo wokudla, namanqatha.

8. USolomon wenza ke umthendeleko ngelo xesha iintsuku zasixhenxe enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu kunene, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa.

9. Benza ngomhla wesibhozo ingqungquthela; ngokuba ukusungulwa kwesibingelelo bakwenza iintsuku zasixhenxe, nomthendeleko iintsuku zasixhenxe.

10. Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.

11. Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.

12. Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela.

13. Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa;

2 Izikronike 7