2 Izikronike 36:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wameyisa, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba amse eBhabheli.

7. UNebhuka denetsare wayisa inxenye yempahla yendlu kaYehova eBhabheli, wayibeka etempileni yakhe eBhabheli.

8. Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

9. UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.

10. Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.

2 Izikronike 36