26. Ezinye izinto zakhe, neendlela zakhe zonke ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
27. UAhazi walala kooyise, bamngcwabela kuwo umzi oyiYerusalem; ke abamzisanga emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli. UHezekiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.