2 Izikronike 26:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Waye u-Uziya ukumkani eneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala endlwini eyodwa, eneqhenqa; ngokuba wanqanyulwa endlwini kaYehova. UYotam, unyana wakhe, wayiphatha indlu yokumkani, ebalawula abantu belizwe.

22. Ezinye izinto zikaUziya, ezokuqala nezokugqibela, wazibhala uIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti.

23. U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela ngakooyise emhlabeni wokungcwaba wookumkani; ngokuba bathi, Úneqhenqa. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

2 Izikronike 26