11. UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawáyo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angábulawa.
12. Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu.Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.