2 Izikronike 20:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ngomhla wesiné bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.

27. Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.

28. Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.

29. Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.

2 Izikronike 20