4. Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
5. Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
6. Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingába yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?