5. Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amané amadoda, wathi kubo, Siye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo wóyinikela esandleni sokumkani.
6. Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
7. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.