2 Izikronike 17:17-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe;

18. nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe.

19. Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.

2 Izikronike 17