12. UYehoshafati waya eba mkhulu ngokuba mkhulu, wada wenyuka wákha kwaYuda iinqaba nemizi engoovimba.
13. Waye enempahla eninzi emizini yakwaYuda; wayenamadoda okulwa, amagorha anobukroti, eYerusalem.
14. Kuko oku ukulandelana kwawo ngokwezindlu zooyise: kwaYuda abathetheli bamawaka nguAdena umthetheli, enamakhulu amathathu amawaka amagorha anobukroti;
15. nganeno kwakhe nguYehohanan umthetheli, enamakhulu amabini anamanci asibhozo amawaka;
16. nganeno kwakhe nguAmasiya unyana kaZikri, owazinikela kuYehova ngokuqhutywa yintliziyo, enamakhulu amabini amawaka amagorha anobukroti.
17. KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe;
18. nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe.
19. Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.