2 Izikronike 14:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.

3. Wazisusa izibingelelo nezigánga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.*

4. Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.

5. Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda izigánga, neentsika zelanga; bazola ubukukani phambi kwakhe.

6. Wákha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.

2 Izikronike 14