2 Izikronike 1:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon, unyana kaDavide, womelela ebukumkanini bakhe; uYehova uThixo wakhe waba naye, wamenza mkhulu, wamphakamisa.

2. Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.

3. Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.

2 Izikronike 1