1 Usamuweli 7:15-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. USamuweli waye engumlawuli kumaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe;

16. ehamba iminyaka ngeminyaka, ejikeleza eBheteli, naseGiligali, naseMizpa, ewalawula amaSirayeli kwezo ndawo zonke;

17. ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wákha isibingelelo kuYehova khona.

1 Usamuweli 7