1 Usamuweli 5:11-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bathumela, bazihlanganisa zonke izikhulu zamaFilisti, bathi, Yimkiseni ityeya yoThixo kaSirayeli, ibuyele endaweni yayo, ingasibulali thina, nabantu bakowethu; ngokuba ukuqungaqunga kokufa bekukho kuwo wonke umzi, besinzima kunene isandla sikaThixo khona.

12. Abantu abangafanga babethwa ngamathumba; kwenyuka kwaya ezulwini ukuzibika komzi.

1 Usamuweli 5